EPISODE · Aug 8, 2017 · 7 MIN
OR Tambo DPSA
from Khanya Gqiyazana · host Umhlobo Wenene FM
Yi OR Tambo DPSA ilisebe le Eastern Cape DPSA kwaye yenzela abantu abapha ku 250 abakhubazekileyo kwi OR Thambo District Municipality. Indawo ezibandakanyekayo Ngquza,Nyandeni,King Sabatha Dalindyebo ne Mhlontlo. Bebekade befumana ifunding kwi DIP eyayincenda ekuqhubeni I workshops nezinto ekufuneka ziyenziwa ukwenza iqhubeke le I OR Tambo DPSA kodwa ke ayisasebenzisani nayo oko yawa. Abantu abalapha kule DPSA ngabantu abahlukene nayo ngoku khubazeka kwabo abangevayo,abakhubazeke ngokomzimba behleli kwi wheel chairs nangokwe ngqondo. Ngokwe sithethi sabo Phakama Zitha uthi bayanikwa I malana ekuthiwa si Stipend bakwazi ukuzithengela into zothambisa bakwazi noku khwela baye khona abo bakwi projects ezahlukeneyo ezifana ne beading work welding nezinye ke. Ifunding le ibibancenda ukuba bakwazi ukuthenga I wheel chairs zamalungu abo, umyalezo wabo ngowokuba bafuna abantu abakhubazekielyo bakwazi ukuphakama balwelwe amalungelo abo kwabo bafuna ukuncenda bangaya e KD Matanzima Building.
Embed this episode
NOW PLAYING
OR Tambo DPSA
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.
Similar Podcasts
No similar podcasts found.