iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni podcast artwork

PODCAST · society

iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni

Brakfesi Eyondlayo Ekuseni (BEE) show offers its listeners a sense of belonging and keeps them rooted to their culture within a modern context, fusing latest news flashes, traffic updates, weather updates, weird worldwide news, quizzes and competitions. The show is designed to be fast-paced, informative, provocative and has upbeat music to start your day on a positive note. This show which is closing on 2 million listeners, recently won 2014 MTN Best Breakfast Show of the year PBS.

Publisher-supplied feed metadata · PodParley refreshed Aug 13, 2025 · Source feed

  1. 764

    BEE-SILUNGISA ULWIMI-07 JULY 2026

    UGqirha Zauka ulungisa isigama sesiXhosa esithi "ngaphandleni". 

  2. 763

    BEE-IMALI YAM-06 JULY 2026

    uSonwabile Mdondolo uphendula imbalelwano yomphupaphuli nethi, "ndicela nindibuzele kuSonwabile lombuzo wam. Ndineminyaka eyi-57, futhi ndifuna ukuthatha umhlala-phantsi. Ndiyayazi ukuba umntu uyakwazi ukuthatha umhlala-phantsi xa eneminyaka eyi-55. Ndifuna ukukhupha yonke imali yam ekwaGEPF. Imali engahlawulelwa tax yiR550 000. Kodwa isimanga ngoku, kuthiwa andikwazi ukukhupha yonke imali yam ngoku. Yinto yanini lena? Ngoba umyeni wam naye wathatha umhlala-phantsi ngo2021 kodwa abazange bamsokolise yena? Ndicela undicacisele ukuba ingaba ikhona into eyatshintshwayo hlawumbi endingayaziyo?"

  3. 762

    BEE-UDLIWANONDLEBE NO DJ BORAH RSA

    Igqiza le BEE lincokola no DJ Borha RSA nothetha ngomnuculo wakhe kwanendima asele eyihambile emculweni.

  4. 761

    BEE-SIWELA IMIDA NO THEMBINKOSI MAFANYA-03 JULY 2026

    Sincokola no Thembinkosi Mafanya nozinze eNew Zealand.  Ukhulele eNgqamakhwe naseQonce, waze wenza izifundo zeHospitality kwiYunivesithi iWalter Sisulu. Usebenze nje iiyanga ezisithoba eMzantsi emva kokuba egqibe izifundo zakhe, ngo2016 uye wayokusebenza eMelika, waza ngo2018 wafudukela eNew Zealand apho asebenza khona njengompheki.

  5. 760

    BEE-ISIGAMA SESIXHOSA-02 JULY 2026

    UGqiza Xolisa Tshongolo ucacisa isigama sesiXhosa nesithi, Isilaza.

  6. 759

    BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI-02 JULY 2026

    UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli ethi, "Ndingu code 14 driver bendi phangelela enye yenkampani ze-courier. Ndiye ndafumana ingozi nge 1st December kulonyaka upheleliyo ku N10 ndise msebenzini. Apho kulo ngozi ndiye ndonzakala ndashunquka umlenze wase right ushunqulwe phezu kwedolo, ndalaliswa esibhedlele ukususela nge 2nd December ndaphume nge 17 December. Umqeshi oko ewubhatala umvuzo wam, kodwa ngoku bathi bazoyeka ukundibhatala umvuzo wam ngoJune, kuba besithi bayasiqhawula isivumelwano sam somsebenzi. Ndiqeshwe permanent kulomsebenzi, ndicela ingcebiso okanye lwakho lokuba ndinga lindela ntoni kwizinto zemali, futhi ukubheka phambili kuzokwenzeka ntoni?"

  7. 758

    BEE-UDLIWANO NDLEBE NO NOMVELISO MBANGA-01 JULY 2026

    Igqiza le BEE lincokola noNomveliso Mbanga noyingcali kwezobuchwephesha. UNomveliso ucbisa abazali ngendlela abazali abanokukhusela ngayo abantwana babo kwizinto ezimbi ezenzeka kwifowuni zabo. 

  8. 757

    BEE-UDLIWANO NDLEBE NO SEBENZILE ZALABE NGO HANGMAN

    Igqiza le BEE lincokola no Sebenzile Zalabe nongumalume womnye wamaxhoba ka hangman nongumdlalo wefowuni ekusolwa ukuba ibulala abantwana.

  9. 756

    BEE-SILUNGISA ULWIMI NO DR ZAUKA

    Silungisa ulwimi no Dr Zauka. Namhlanje sijonge isivakalisi esithi, "lento inenyawo le mfene".

  10. 755

    BEE-EZAMAFA NO ZIPHO MVUBU-29 JUNE 2026

    UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "uTata wami wesweleka. Ubetshatile ekuswelekeni kwakhe, kanti mina ngingomunye wabantwana bangaphandle kwasemtshatweni. Bengihlala naye uTata kwaze kwabe ngiyatshata nami. Ingaba ikhona into esizoyifumana njengabatwana bangaphandle kwasemtshatweni, ikakhulu mina njengoba ngitshatile?"

  11. 754

    BEE-SIDL'IMBADU NO DR NDLOZI-30 JUNE 2026

    Sidl' imbadu no Mbuyiseni Ndlozi, umntu owaziwayo kwezopolitiko nakwimicimbi yoluntu eMzantsi Afrika. Umdla wakhe kwezopolitiko waqala ngo-1992 eseneminyaka esi-7 ubudala. Kule minyaka idlulileyo, uye waba lelinye lawona mazwi abalulekileyo ekukhuthazeni nasekuxhaseni ulutsha kweli lizwe.

  12. 753

    BEE-SIWELA IMIDA NO LUPHELO TSHEMESE

    Namhlanje sincokola noLuphelo Tshemese okhulele kwilali ekuthwa kuKwaTshatshu ngaseQonce. NgoDecember kulonyaka uphelileyo ufudukele eChina apho enza khona izifundo ze “Internet of Things” eNanjing Vocational University.  

  13. 752

    BEE-ISIGAMA SESIXHOSA-25 JUNE 2026

    uGqirha Xolisa Tshongolo uphendula isigama sesiXhosa sanamhlanje nesithi, "Umlaza". Zivele ukuba ucacisa esithini.

  14. 751

    BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI-24 JUNE 2026

    uMalathisi Qamngana uphendula umphulaphuli nethi, "uSbari ebesebenza iminyaka eyi 16, kanti lonke elixesha abatsalelwa provident fund. Ngoku bamnqumamisile emsebenzini bathi bazophinda bambize. Ndicela ukubuza ukuba angenza njani? Ingaba kwa Labour angancedakala?"

  15. 750

    BEE-IMALI YAM-22 JUNE 2026

    USonwabile Mdondolo uphendula imbalelwanio yomphulaphuli nethi, "Mhlekazi ndicela uqonda uba yimalini nha endino kuyifumana kwi saving pot yam, sithetha nje, ndine R95000. Ndingakwazi ukuyikhupha yonke, okanye funeka ndikhuphe i-R30 000. Okwesibini, umntu wazi njani xa i-investment yakhe iqhuba kakuhle? Wawukhe wathi umntu makanlindeli imimangaliso xa esenza i-investment"

  16. 749

    BEE-SILWELA IMIDA NO SIMANYE BOTWE-19 JUNE 2026

    Siwela imida no Simanyene Botwe – Usenqnaweni eSeattle. USimanyene ukhulele eCofimvaba, ngo2011 wafudukela eKapa apho ahleli khona iminyaka emininzi. NgoDesemba kulo nyaka uphelileyo ufumene umsebenzi wokusebenza enqanaweni eMelika, apho asebenze khona kwicala e-inventory.

  17. 748

    BEE-ISIGAMA SESIXHOSA-18 JUNE 2026

    uGqirha Xolisa Tshongolo uphendula isigama sesiXhosa esithi "Amangqonga". Zivele ukuba ucacisa esithini. 

  18. 747

    BEE-EZAMAFA-15 JUNE 2026

    UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yomphulaphuli ethi, "U-Sister wami usweleke ephangela eGauteng. Engenabo abantwana, Kanti ubengatshatanga. Mina nginguBrother wake. Ngokwe Beneficiary Nomination yaseMsebenzini wake ubebhale Mina ukuthi ngifumane imali yakhe. Bendingaxhomekekanga kumfi, ingaba ndizokwazi ukuyifumana imali yakhe?"

  19. 746

    BEE-INGCEBISO NGEZIMISEBENZI-18 JUNE 2026

    UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli ethi, "Ndicela ukubuza xa ufake isick note, ingaba uHR uyakwazi ukwenza uphando emva kwenyanga? Ngoba sebebize abantu inoba abayi10 abebefake amaphepha ngo April, futhi abazange basixelele ngo gqirha bangabafuniyo. Kuqashwe umntu wakwa HR omtsha emsebenzini, ngoku nguye lo wenza lento. Ngaphambili, besikade sisisa noba leliphi phepha sibhatalwe. Ngoku sibizelwa hearing sixelelwa ngo gqirha bangekho registered".  Zivele impendulo ithini ngokumamela.

  20. 745

    BEE-SIWELA IMIDA NO NOLUSINDISO HLEKO-12 JUNE 2026

    Siwela  Imida no Nolusindiso Hleko. U-Nolusindiso wenza idegree kwiMedia Studies, walendelisa ngeHonours kwiCorporate Communication. Ngo2017 uyotsho ngo2022 wayosebenza South Korea njengotitshala, emva koko wayosebenza eChina njengotitshala isithuba esingango nyaka. Ngo2023 wafudukela eGermany eyofunda, waphela efumana umsebenzi apho. Ngo2025 ufumene ischolarship sokufunda eNorway. Sithetha nje eGermany ufunda iSoftware Engineering, ze eNorway angene iclass ze Computer Science. Sasikhe sancokola naye uNolusindiso ngaphambili ngethuba wayese South Korea

  21. 744

    BEE-ISIGAMA SESIXHOSA-11 JUNE 2026

    uGqirha Xolisa Tshongolo ucacisa isigama sesiXhosa nesithi, ukurhamela.

  22. 743

    BEE-INGCEBISO NGEMNISEBENZI-10 JUNE 2026

    uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "sidiniwe yimibutho yabasebenzi esiyijoyinileyo. Sifuna ukuzithethela thina njengabasebenzi size sixoxisane ngemimiselo yethu yomsebenzi. Singenza njani ukwenza oku?"

  23. 742

    BEE-IMALI YAM-08 JUNE 2026

    USonwabile Mdondolo uphendula umbuzo womphulaphuli nothi, " Ndinale retirement annuity egcinwe kwenye yenkampani ezigcina imali engange R500 000, bathi andikwazi ukuyikhupha yonke. Kutheni bengafuni? Yimali yam le, ndayikhupha i pension fund yam ngaphandle kwengxaki, ngok kutheni aba bendisokolisa?"

  24. 741

    BEE-SIWELA IMIDA NO LINDOKUHLE & BANELE LUNGILE

    ULindokuhle wafudukela eEngland ngoMay 2024 eyosebenza njengonontlalontle, emva kwenyanga ezintathu ephaya, uBanele (owayencuma naye) wawela wafukudukela eEngland. Emva kwexesha baphela batshata.

  25. 740

    BEE-INGCEBISO NGEZEMISEBENZI-03 JUNE 2026

    UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphuli nethi, "Ngexesha lezantyalantyala apha eNtshona Koloni, ndiye ndanengxaki ekhaya apho indlu yam yaye yachaphazeleka ngamanzi engena ngaphakathi endlini. Lonto yaye yabangela ukuba ndingakwazi ukuya emsebenzini. Ndaye ndamxelela umqeshi wam ngoku kwaye naye wavuma. Ndaye emveni kwentsuku ezimbini ndabuyela emsebenzi kwaye ndabe ndimphathele nemifanekiso ebonisa oko kwenzekileyo. Ngexesha lokurhola ndiye ndaqaphela ukuba imali iyashota ngemali yentsuku ezimbini, ngethuba ndibuza umqeshi wam waye wathi zezantsuku zokungaphangeli kwam ngenxa ye zantyalantyala.  Owona mbuzo wam kukuba lonke iKapa ngelixesha belingasebenzi, ingaba kusemthethweni oko akwenzileyo lo mqeshi?" 

  26. 739

    BEE-EZAMAFA-01 JUNE 2026

    UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yanamhlanje nethi, "Bhuti Zipho ngiyabulisa kuwe ngingalibali nokuzibulisela koBhutiza e-studio. Umama usweleke kulonyaka ophelileyo. Akukhonto eninzi kwi Estate kaMama ngaphandle kweMali ese-Bank. Singabantwana abangu 6 abazalwa nguMama oswelekileyo." UMBUZO: 1) Ngicela ukwezi ukuthi likhona ixesha elisikiweyo ukwenza i-Letter of authority?? 2) Okwesibili, ngingakwazi ukwenza i-Letter of authority ngaphandle kwezi Siblings engizalwa nazo??

  27. 738

    BEE-SILUNGISA ULWIMI-02 JUNE 2026

    uDr Zauka usicacisela ngeendlela ezahlukeneyo zokusebenzisa igama "ubani", zivele nawe ukuba ithini le ngcaciso. 

  28. 737

    BEE-SIDL'IMBADU NO SIYABULELA SUPTA SITHOLE

    Sidli'imbadu no Siyabulela Sithole nowaziwa kakhulu ngelika Supta. Supta uzelelwe eAliwal North kwaye ungu DJ, umvelisi kwanomsasazi eMetrofm. USupta waziwa kakhulu ngengoma zakhe ezithi "Hayi Supta", "Kuzolunga" kwakunye nengoma asebenze no Prince Kaybee kuyo u"Gugulethu".  Zivele kwibali lakhe xa elibasela igqiza le BEE

  29. 736

    BEE-INGCEBISO NGEZEMISEBENZI-27 MAY 2026

    UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi. " Ndagxothwa emsebenzini ngezityholo zokuba umqeshi wam wandityhola ngokuba nda-ba. Umqeshi wandivulela ityala emapoliseni ngenxa yesisityholo. Ndaya ecourt, ndafunyanwa ndingena tyala. Kodwa, iCCMA yona yafumanisa ukuba ukugxothwa kwam kwakufanelekile.  Yenzeka njani into enje?"

  30. 735

    BEE-SILUNGISA ULWIMI NO DR ZAUKA-26 MAY 2026

    Ugqirha Zauka usilungiselela ulwimi kwindlela eyiyo yolusebenzisa. Sijonga indlela eyiyo kwezizivakalisi "Zaphukile zombini" okanye "Zophukile zombini".

  31. 734

    BEE-IMALI YAM NO SONWABILE MDONDOLO-26 MAY 2026

    USonwabile Mdondolo uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "Molweni ma BEE, bendicela uSonwabile andincede ngalo mbuzo wam. Iboyfriend yam isweleke ngoMarch kulo nyaka, sinomntana oneminyaka emibini. Into eyenzekayo; wayetshatile futhi lomntwana wethu sobabini akaziwa yi family yakhe. Ndicela ukubuza ukuba ndingakwazi ukuziveza (ngenxa yomntana), ukuze ndizokwazi uku claimer kwi pension fund yakhe. Ebesenzela yonke into nangona ndiphangela nam"

  32. 733

    BEE-SIWELA IMIDA NO AVUMILE MCOSELI-22 MAY 2026

    U-Avumile uzalelwe waphinda wakhulela Emonti, ngo2022 uye wawela waya ePoland eyokudlala ibhola.

  33. 732

    BEE-ISIGAMA SESIXHOSA -21 MAY 2026

    UGqirha Xolisa Tshongolo usicacisela ngesigama sesiXhosa nesithi "Ukuphuma nodlolwazana". Phulaphula ukuba ucacisa athini.

  34. 731

    BEE-INGCEBISO NGEZEMISEBENZI-20 MAY 2026

    uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli kwi ngcebiso ngezemisebenzi. Umphulaphuli ubhale wathi, "Sine union emsebenzini, kodwa sikrokrela ukuba le union iyasithengisa kumqeshi futhi ikwi cala likamqeshi. Singabasebenzi sifikelele kwisigqibo sokuba sizixoxele ngokwethu nomqeshi malunga nokunyuselwa komvuzo, ngaphandle kwe union. Ingaba ivumelekile lento?"

  35. 730

    BEE-SILUNGISA ULWIMI-19 MAY 2026

    Silungisa ulwimi no Gqirha Zauka. Namhlanje usicacisela ngendlela eyiyo phakathi kokuthi, "ubuthetha wedwa" okanye "ubuthetha wodwa". 

  36. 729

    BEE-INTERVIEW NO THOBEKA MSENGANA-19 MAY 2026

    Sincokola no Thobeka Msengana noyi Pscychologist eMonti. uThobeka ucebisa amadoda ngendlela anozithatha ukujongana nemicelimngeni ethile. 

  37. 728

    BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI NO MALATHISI QAMGANGANA-06 MAY 2026

    uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yoMphulaphuli ethi, "ndicela uncedo, icompany yethu isinike i notice ye-section 89 nge 30 Matshi.Nge 8 April bandibizile mna behleli namagqwetha bathi bayayi suspenda i notice, bandi suspenda besithi ndiyaphandswa. Nda suspendwa ngoko nangoko"

  38. 727

    BEE-SILUNGISA ULWIMI-05 MAY 2026

    Silungisa ulwimi noDr Zauka. Namhlanje sijonge indlela eyiyo yokubiza igama "ukho".

  39. 726

    BEE-EZAMAFA NO ZIPHO MVUBU-04 MAY 2026

    UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "`ndiswelekelwe nguMama ngo-February 2026. Xa ndyojonga kwi-Account yakhe yaseBank kwathiwa mangize ne-Letter of Authority. Ngiphinde ngezwa kukhulunywa nge-Letter of executorship." Umbuzo uthi, Ingabe yini umahluko phakathi kwe-Letter of authority kanye ne Letter of executorship?

  40. 725

    BEE-INTERVIEW WITH THOBEKA MSENGANA

    Thobeka Msengana - Psychologist and Manager of the Student Counselling Unit at University of Fort Hare. UThobeka usityebisela banzi ngezinto ezibangela ukuba abantu babe madolwanzima ekuyeni kwi therapy. 

  41. 724

    SIWELA IMIDA NO LUSANDA MANGXANGAZA-01 MAY 2026

    Siwela imida no Lusanda Mangxangaza nozinze eUSA. ULusanda uzalelwe eKokstad waze wakhulela ePitoli. Sithetha nje, usebenza eMelika njengompheki, uneminyaka emibini ekwelacala. 

  42. 723

    BEE-SIDL' IMBADU NO LOYISO GOLA

    uLoyiso Gola usibalisela ngobomi bakhe, indlela aqale ngayo ukusebenza kwi comedy nezinto athe wazenza. 

  43. 722

    BEE-SIWELA IMIDA NO NIKITA TSHEKELA-24 APRIL 2026

    uNikita ngowaseMaXesibeni, kodwa ukhulele eCarltonville. Esakhula kudala wafuna ukuba ngutitshala, wenza izifundo zobitishala kwiYunivesithi yasePitoli. Emva kokugqiba izifundo zakhe, wasebenza eSinikiwe High School eMdantsane. Wathi ukuphela kwe contract yakhe apho wathatha isigqibo sokuyophangela eTaiwan ngo2024 ngenxa yokungafumani umsebenzi apha eMzantsi.

  44. 721

    BEE-EZOMSEBENZI NO MALATHISI QAMNGANA-22 APRIL 2026

    UMalathisi Qamgana uphendula umbuzo womphulaphuli othi, "Ndicela uqonda ukuba ba yilungisile lento ye position yam bangakwazi ukundibhathalaiimali zam, ezi bekufanele ndizifumenekwezinyanga zidlulileyo?"

  45. 720

    BEE-Interview no Znhle Mantashe-Public Health Specialist

    uZinhle Mantashe noyi Public Health Specialist ucebisa umphulaphuli ngendlela anokwenza ngayo ukuthintela ukukhulelwa kwabantwana abancinci. Ukwacebisa bona abantwana abancinci ngezinto ezibalulekileyo ngokukhulelwa kwabo bebancinci. 

  46. 719

    BEE-IMALI YAM NO SONWABILE-20 APRIL 2026

    uSonwabile Mdondolo uphendula umbuzo wombuphulaphuli nothi, dine retirement annuity esecaleni kwenye yenkampani ezigcina imali le mali yiR300 000. Ngoku ndifuna ukukhupha lemali ngoba ndina 55. Ndandixelelwe ukuba ndingayikhupha le mali xa ndina 55, kodwa ngoku bathi andikwazi ukuyi khupha, bathi bangandinika iR100 000 khuphela kule mali. Ndingenza njani, ingaba isemthethweni lento yokuba bangafuni ukundinika imali yam? Ndisebenza njengo nurse futhi ndiyayazi xa ndithatha umhlala phantsi ndizoyifumana yonke imali yam kwaGEPF, kutheni yona lenkampani ingafuni undinika imali yam?

  47. 718

    BEE-ISIGAMA SESIXHOSA NO DR ZAUKA-14 APRIL 2026

    UDr Zauka usicacisela isizakalisi esithi, inceba nothando lwakho ziyamangalisa. Apha usicacisela ngendlela ulwimi olusetyenziswa ngalo.

  48. 717

    BEE-EZAMAFA NO ZIPHO MVUBU 13 APRIL 2026

    UZipho Mvubu uphendula umbuzo womphulaphuli nobebuza umbuzo othi, "Ingaba inzala (Interest) ayibikho ninzi kwimali ye-Estate?? Ingaba yisiphi isizathu esenza ukuthi inzala (Interest) ingabikho ninzi". Mamela ukuba uZipho uye waphendula kwaye ecebisa esithini.  

  49. 716

    SIWELA IMIDA NO LUTHO MLUNGUZA

    ULutho Mlunguza yinzalelwane yaseKapa, ukhulele eGugulethu. Sithetha nje, uhlala eMelika ukususela ngo2019 apho enza izifundo ze-Masters kwi-Artificial Intelligence. Ngaphandle koko ukwangu mdlali we soka oyi semi-professional, ungukapteni weqela Patuxent FA eMaryland

  50. 715

    BEE - SIWELA IMIDA NO SIPHOKUHLE ULANA

    Siphokuhle Ulana ngowase Qoboqobo eGwiligwili ngokwekhaya lakhe kodwa yena ukhule ehlala eMonti. Uye waqala ukuphangela ngo 2016 esebenza eMercedes Benz, usebenze apho iminyaka emithandathu. Ngo 2023 uye wafumana umsebenzi eGermany kodwa uye waqala kuwo ngo 2024 ngenxa ye process ze VISA. E-Germeny usebenzela icompany ye moto i-Tesla.  

Type above to search every episode's transcript for a word or phrase. Matches are scoped to this podcast.

Searching…

We're indexing this podcast's transcripts for the first time — this can take a minute or two. We'll show results as soon as they're ready.

No matches for "" in this podcast's transcripts.

Showing of matches

No topics indexed yet for this podcast.

Loading reviews...

ABOUT THIS SHOW

Brakfesi Eyondlayo Ekuseni (BEE) show offers its listeners a sense of belonging and keeps them rooted to their culture within a modern context, fusing latest news flashes, traffic updates, weather updates, weird worldwide news, quizzes and competitions. The show is designed to be fast-paced, informative, provocative and has upbeat music to start your day on a positive note. This show which is closing on 2 million listeners, recently won 2014 MTN Best Breakfast Show of the year PBS.

HOSTED BY

Umhlobo Wenene FM

CATEGORIES

Frequently Asked Questions

How many episodes does iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni have?

iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni currently has 50 episodes available on PodParley. New episodes are automatically indexed when they're published to the podcast feed.

What is iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni about?

Brakfesi Eyondlayo Ekuseni (BEE) show offers its listeners a sense of belonging and keeps them rooted to their culture within a modern context, fusing latest news flashes, traffic updates, weather updates, weird worldwide news, quizzes and competitions. The show is designed to be fast-paced,...

How often does iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni release new episodes?

iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni has 50 episodes. Check the episode list to see recent publication dates and frequency.

Where can I listen to iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni?

You can listen to iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni on PodParley by clicking any episode. We provide an embedded audio player for direct listening, and you can also subscribe via your preferred podcast app using the RSS feed.

Who hosts iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni?

iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni is created and hosted by Umhlobo Wenene FM.
URL copied to clipboard!