PODCAST · news
trufm Current Affairs
by SABC News
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
-
955
TRUNEWS @6 - The South African National Space Agency introduces rural space hubs
Ubuchwepheshe bale mihla benze kubelula ukuba sibenolwazi ze sibone okwenzeka emajuku-jukwini, silapha emhlabeni. Obu buchwepheshe buncediswa luphando lwezobunzulu-lwazi. Konke oku kuyasincedisa ekuzuzeni ulwazi oluphangaleleyo ngokwenzeka kokungqonge ihlabathi, kusincedise nasekucwangciseleni ikamva. Iziko iSouth African National Space Agency kule minyaka ilishumi elinesihlanu, lidlale indima enkulu kuphuhliso lophando kwicandelo lobuchwepheshe nobunzulu-lwazi. Kwaye ngoku bafuna ukusondeza oku kulutsha olusemaphandleni. Amanda Xhala spoke with the South African National Space Agency CEO, Humbulani Mudau....
-
954
TRUNEWS @6 - We analyse the latest on the political front
I-ANC ithi iza kubhena ngakwisigqibo senkundla yezonyulo, kulandela isigqibo sale nkundla sokukhaba isibheno salo mbutho ngakwikomishoni yonyulo ezimeleyo. Oku kuza emba kokuba le komishoni ivalele ngaphandle abagqatswa be-ANC abayi-181 abaphuma koomasipala abathandathu, emva kokusilela kwalo mbutho ukufaka uluhlu lwabagqatswa bawo kule komishoni ngosuku olwalusikelwe oko. Ukuxoxa banzi ngalo mba, nangeminye imiba yezopolitiko, u-Amanda Xhala uncokole nomhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...
-
953
TRUNEWS@6-South African BRICS Youth Association, highlights the role of BRICS in creating direct benefits for member countries
Ngamazwe alishumi elinanye aphantsi kweBRICS, nomsebenzi wawo ikukuphuhlisa amazwe kwakunye nokusebenzisana. Lamazwe aquka iBrazil, China, Egypt, Ethiopia, India, Indonesia, Iran, Russia, Saudi Arabia, noMzantsi Africa. Phantsi kwe-BRICS kwaye kwasekwa umbutho ojongene nokuphuhlisa ulutsha, iSouth African BRICS Youth Association. Amanye amaphulo aqhutywa yi-SABYA kukudityaniswa kweenkokheli ezingamakhulu amathathu ezisakhulayo neziphuma kumazwe aphantsi kwe-BRICS. Amanda Xhala converse with the chairperson of South African BRICS Youth Association, Raymond Matlala.
-
952
TRUNEWS@6-Analysis on : ANC NEC member Andile Lungisa takes Mbalula to Court
Kwinqaku lethu lezopolitiko namhlanje, ilungu lesigqeba esiphezulu seANC nomgqatswa kwisikhundla sika sodolophu womasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay, uAndile Lungisa, ubhenele kwiinkundla zamatyala malunga nomba wokukhutshwa kwakhe kuluhlu labagqatswa ngaphambi konyulo loomasipala. Igqwetha lakhe, uSinawo Makhangela, lithi uLungisa unetyala elibambekayo azakulixoxa kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini, ngomhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga. Komnye umba esizakuwushukuxa, umfela ndawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, ubambe inkongolo yeshumi elinesihlanu ukonyula isikhokheli esitsha salo mbutho. UAmanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko ugqirha Ongama Mtimka.
-
951
NEWS REVIEW| Unpacking EC crime stats, as contact crime cases decline
Kule veki siyiqukumbelayo, inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni ikhuphe ingxelo yeenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota yokuqala yonyaka-mali u2026/27. Kuzo, iqondo lokubhaliswa kwamatyala okubulala, ukudlwengula, uxhatshazo noxhatshazo ngokwesondo lwehle ngomyinge ka-two-point-six percent ekhulwini. Nangona nje oku kusamkeleka, lukhona noluvo lokuba la manani awabonisi mfanekiso uchanekileyo ngemo-ntlalo yabo. U-Ayabonga Kekana uye wancokola nomkomishinala wenkonzo yesipolisa eMpuma Koloni u Lieutenant General Vuyisile Ncata…
-
950
INTERCHANGE| EC NPO fights crime and substance abuse
Ukunqongophala kwamathuba emisebenzi, ulwaphulo mthetho nokusetyenziswa kweziyobisi, yeminye yemingeni emikhulu kulutsha oluhlala kwiindawo ezisemaphandleni. Yilento ibangele ukuba usomashishini nentsha-ntliziyo lophuhliso lolutsha, uTembelihle Tshatshu, eye wasungula umbutho ongekho phantsi kukarhulumente i-TeeMac Youth Game Changers. Lo mbutho uliqonga lophuhliso lwezakhono zolutsha, ukubancedisa ukukhangela imisebenzi nokuba neenkqubo ezahlukileyo zophuhliso nemidlalo, ekhwebula abantwana nolutsha kulwaphulo-mthetho neziyobisi. U-Ayabonga uncokole naye uTshatshu ngalo msebenzi wombutho wakhe...
-
949
INTERCHANGE| Biko's struggle for black emancipation in vain, says AZAPO's Nelvis Qekema
Umongameli wombutho i-AZAPO uNelvis Qekema, uthi unyulo loomasipala oluzakubanjwa ngenyanga yeNkanga kufuneka ibelithuba abantu abantsundu abalisebenzisa ukutshintsha iimeko ezingekho mgangathweni abaphila phantsi kwazo, kule minyaka ingapha kwamashumi amathathu idlulileyo. Uthi olu tshintsho ingasesona sipho sihle kumzabalazo walowo wayeyinkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Bantu Biko. UBiko wabulawa ngurhulumente wenkqubo yengcinezelo ngolu suku, ngonyaka ka-1977 (12 September 1977). UQekema uthi umgangatho wempilo yabantu abamnyama emva kokufumana inkululeko, ubonisa ukuba idabi uBiko awayelilwela alikaphunyelelwa. U-Ayabonga Kekana usilungiselele ingxelo kaNtebo Mokobo...
-
948
TRUNEWS @6 - South African Football Association (SAFA) elections
Babini abagqatswa abajonge isikhundla sokuba ngumongameli kumbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association (SAFA). Esi sibini ngugqirha Danny Jordan, nokhokelayo kulombutho kungokunje, kwakunye noSandile Zungu ongusomashishini ekwangumlawuli weqela iAmaZulu Football Club. Ugqirha Jordaan ujonge ukukhokela iSAFA isihlandlo sesine. Akhona ke amaphondo afana neKwaZulu-Natal, Mpumalanga, Limpopo kwakunye neMpuma Koloni, nasele evakalise ukuba axhasa bani. Ukanti iGauteng, Freystata, uMntla Ntshona kwakunye noMntla Koloni, awakaphumi phandle ukuba axhasa bani. INtshona Koloni, kuyavakala ukuba yohluke kubini. U-Amanda Xhala uncokole nentatheli yezemidlalo, uMonwabisi Jimlongo ngale nyewe...
-
947
TRUNEWS @6 - CONSTITUTION 30FOR30 Campaign
Usapho, indawo yokuhlala okanye indlu yakho, nobomi obungcono ekuhlaleni, zizinto ezikhuselwayo ngumqulu wamalungelo oqulathwe kumgaqo-siseko weloMzantsi Afrika. Nanjengoko umgaqo-siseko weli lizwe ugqiba iminyaka engamashumi amathathu sukela oko wathi wasekwa, ingaba uthini ngokubhekiselele kwezi zinto sele sizikhankanyile? Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nengcali yezomthetho, uPheleka Mahlathi...
-
946
TRUNEWS @6 - EL NINO phenomenon is looming
Kuvakala ukuba kuza ingqantsini yelanga ngenxa yemo yezulu ebizwa ngokuba nguEl Nino. Kuvakala nokuba izakuba yeyona inamandla kwisithuba seminyaka engaphezulu kwelikhulu. Ukuba sive ngefuthe lale mozulu, on the line we are joined by the Senior Scientist in the Research department at South African Weather Service, Kelebogile Mathole
-
945
TRUNEWS @6 - Treasury proposes central administrator for R88.6bn in unclaimed assets
Unondyebo woMzantsi Afrika, ucebisa ukuba ilawulwe kwindawo enye kusetyenziswa i Corporation for Pubic Deposits (CPD), imali engange R88.6 bhiliyoni randi ekungekafakwa mabango ngakuyo, efana neemali zomhlala phantsi yabasebenzi. Igunya bantu eliqwalasela indlela yokuziphatha kwamaziko ezemali, liphawule ukuba kukho umngeni kwinkqubo yokukhangela nokugcina iinkcukacha kumaziko ohlukileyo, ngelinge lokufumana abanini bezimali. Yilento ibangele ukuba unondyebo weli eze nesisiphakamiso. Ukuva banzi ngokuba oku kuzakusebenza njani, u-Amanda Xhala uthethe nophuma kwi ofisi kanondyebo wesizwe, uBasil Maseko....
-
944
TRUNEWS @6 - "NKUSI IT Siyasebenza," an application developed to track down ghost workers
Kule veki kwinqaku lethu elijonga ubuchwepheshe, sijonga ukusungulwa kwe-Application encedisa urhulumente kunye necandelo labucala ekukhankanyeni nokusiphula neengcambu umkhwa wokuhlawulwa kwabasebenzi bomgunyathi, abakwiinkqubo zengqesho zamasebe kunye namaqumrhu karhulumenete, lento kuthiwa zii-Ghost Workers. I-Nkusi It Siyasebenza, sele incedise isebe lezothutho eMpuma Koloni kwinkqubo yalo ye-Expandend Public Works Programme, i-EPWP, nenabasebenzi abangapha kwamawaka angamashumi amathathu (30 thousand). Abasebenzi abangekhoyo kwiinkqubo zengqesho zikarhulumente bayaqhubeka nokutyabula urhulumente iibillion zeerandi rhoqo ngonyaka. Ukuva banzi ukuba isebenza njani na le App, kwaye ilulutho kangakanani na, uAmanda Xhala uncokole nomsunguli wayo, uNkululeko Silimela...
-
943
TRUNEWS @6 - Competition Commissions's Rural and Township Economy Project
Ikomishoni yokhuphiswano yoMzantsi Afrika, iCompetition Commission, ikhuphe ingxelo ngophando loqoqosho lwasezilalini nasezilokishini. Eyona ndawo ibigxile kuyo kuphando lwayo, lukhuphiswano phakathi kweevenkile ezikwezi ndawo. Umyinge wamashumi amane ekhulwini abantu beli bahlala ezilokishini, nto leyo eyenza kubekho umdla wokuvula iivenkile kwezi ndawo. Kuqikelelwa kwelokuba uqoqosho lweelokishi neelali zoMzantsi Afrika luxabisa i900-billion yeerandi. U-Amanda Xhala uncokole nophuma kwiCompetition Commission, nobeyinxalenye yolu phando, uZintle Siyo...
-
942
TRUNEWS @6 - The local economy contracted marginally in the second quarter of this year
Lwehle kancinci uhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika kwikota yesibini yalo nyaka. Iinkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, zibonisa ukuba imveliso yeli lizwe epheleleyo, iGDP ngamafuphi, yehle ngomyinge we-0.2 weepesenti kwikota yesibini yalo nyaka. Oku kuza emva kohlumo obelukumyinge we-0.4 wee-pesenti, kwikota yokuqala ka-2026. Awona macandelo aye adala oku kwehla aquka elemigodi. UVuyolwethu Mabeqa usilungiselele le ngxelo kaNothando Magudulela...
-
941
TRUNEWS @6 - The ANC has missed the Candidate Nomination System deadline. What does this mean for the party?
Ikomishoni ezimeleyo yonyulo, i-IEC, iyigxininisile into yokuba ayizukuphinda ivule elinye ithuba lokuba imibutho ifake abagqatswa bayo, okanye abagqatswa abazimeleyo emva kwexesha ebelibekiwe. Ngo Mvulo, iANC ikhuphe imbalelwano echaza ukuba lo mbutho uye wajongana neengxaki zobuchwepheshe kwinkqubo yeIEC, ngethuba ufaka abanye abagqatswa bayo ngaphambi kwexesha lokuvalwa kwesisigaba, intsimbi yesihlanu ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga ephelileyo. Ngethuba sincokola neIEC kwiveki ephelileyo, ithe akukhonto ibonakalisa ukuba kubeneengxaki kwinkqubo yayo yokufaka abagqatswa, ikwathi imibutho nabagqatswa abazimeleyo bebelinikiwe ixesha elaneleyo. Ukuncokola ngokuba oku kuthetha ukuthini ngale mibutho, u-Amanda Xhala uthethe nomhlalutyi wezopolitiko nokwakhel' umkhanya ezonyulo, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...
-
940
TRUNEWS @6 - The inquest looking into the death of Black Consciousness Movement Leader, Steve Biko, continues
Luyaqhuba uphando ngokusweleka kwenkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Biko, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha. UBiko wasweleka ngonyaka ka1977, emva kokubethwa ngokungenalusini ngethuba eselugcinweni lwamapolisa. Kwafumaniseka ukuba wonzakala entloko. Ingqina ebelisemkhumbini ngowayeyikapteni yamapolisa lexesha lengcinezelo, uDaniel Petrus Siebert. U-Amanda Xhala uthethe nentatheli yethu ebilapho enkundleni, uLubabalo Dada...
-
939
TRUNEWS @6 - Bail application of two men accused of the murder case of former two time boxing world champion, Zolani "Lastborn" Tete
Isicelo sebheyile sabarhanelwa ababini ababandakanyeka ekubulaweni kowayesakuba yintshatsheli yomdlalo wamanqindi kwihlabathi, uZolani "Lastborn" Tete, sihlehliselwe uLwesithathu wale veki. UTete, wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwekhaya lakhe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Ukuva banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nentatheli yeli jelo, uHlumisa Qabaka...
-
938
NEWS REVIEW| Exploring the psyche of a South African eligible voter.
Nanjengoko kusele isithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini phambi konyulo loomasipala kweli. Enkqubeni siye sancokola neengcali zonyulo nolawulo loomasipala, uMasoxole Booi kunye noThembelani Mazibuko besincedisa ukuba siphonononge sihlalutye ulwazi umvoti woMzantsi Afrika analo ngonyulo loomasipala, sijonge ezimphembelela ukuba athathe inxaxheba kwinkqubo yokuvota, sikwabuza nokuba uzakuvota kusini na kunyulo oluzayo...
-
937
INTERCHANGE| Rotavirus awareness-know the signs of dehydration
Abazali kunye nabo bagcina abantwana, bayabongozwa ukuba baqaphele iimpawu zokungabinamanzi ngokwaneleyo emzimbeni kwabantwana, njengoko intsholongwane irotavirus ibangela inkxalabo kwelilizwe. Amagosa ezempilo anike ingxelo yokonyuka ngamandla kwabo bachaphazelekayo ePitoli, kwakunye nokubhubha komnye. U-Amanda Xhala uncokole nentloko yeziko iCenter for Enteric Diseases at NICD, unjingalwazi Nicola Page......
-
936
TRUNEWS @6 - Pitso Mosimane officially unveiled as the Bafana Bafana head coach
Kule veki siyiqukumbelayo umbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSAFA, ibhengeze ngokusesikweni uPitso Mosemane njengomqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana. UMosemane ungena kwizihlangu zikaHugo Broos obengumqeqeshi weli qela iminyaka emihlanu, de walisa kwitumente yebhola ekhatywayo yehlabathi ibisingathwe eMelika kulo nyaka. Uxanduva lokuqala uMosimane ajamenele nalo, kukuqinisekisa ukuba iqela lakhe lithatha inxaxheba kwi-AFCON yango-2027. U-Amanda Xhala uncokole nentatheli yezemidlalo kweli jelo, uSanele Nongauza…
-
935
TRUNEWS @6| At least two thousand candidates miss IEC deadline for local elections
Yimibutho engamashumi amane anesihlanu engakwazanga ukufaka abagqatswa bayo kwinkqubo yekomishoni yonyulo ezimeleyo. Oku kuthetha ukuba bangaphezulu kwamawaka amabini abagqatswa abangazokukwazi ukuthatha inxaxheba kunyulo lomasipala oluzayo. Eminye imibutho ithi yaye yafumana ubunzima ngosuku lokufaka iinkcukacha zabagqatswa, isithi ingxaki yayikwicala le-IEC. Yimibutho eyi-547 ezakungenela unyulo kuleyo iyi 732 ebhalisiweyo. U-Amanda Xhala uncokole negosa eliphezulu lezonyulo eMpuma Koloni, uKhayakazi Magudumana....
-
934
TRUNEWS @6 - The ANC urges the IEC to urgently investigate technical failures on the Online Candidate Nomination System
I-ANC ihlabe ikhwelo kwikomishoni yezonyulo ezimeleyo, i-IEC ngamafuphi, ukuba iphande ngokukhawuleza ngamagingxingxingi obuchwepheshe bonxibelelwano ethi athintele lo mbutho ekubeni ufake abagqatswa bawo kwinkqubo yokuchongwa kwabagqatswa, ebizwa i-Online Candidate Nomination System ngolwasemzini. Oku kuza emva kokuba lo mbutho uhlangabezene namagingxi-gingxi ekufakeni uluhlu lwabagqatswa bawo abaza kukhuphisana kunyulo loorhulumente basekhaya. Noxa kunjalo, iIEC imi kwelokuba ayizokulandisa ixesha ebelisikiwe lokufaka uluhlu lwabagqatswa. Nants' ingxelo kaNtlantla Kgatlane isiza noLikho Jack...
-
933
TRUNEWS @6 - Eastern Cape builds on Tri-Province Tourism partnership with the Free State and Northern Cape provinces to grow the sector
Iphondo iMpuma Koloni lizibophelele ekomelezeni intsebenziswano kwezokhenketho namaphondo iFreystata, kwakunye noMntla Koloni. Le ntsebenziswano ijoliswe ekuphakamiseni amaxabiso okukhenketha aquka yonke into, izicwangciso zokhenketho oludibanisa iindawo ezahlukileyo, nentsebenziswano eyomeleleyo phakathi kwabo basebenza ngezokhenketho. Oku kuhambelana nomxholo walo nyaka wenyanga yokhenketho othi: Growing South Africa's Tourism Sector in the Digital Era. Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nomphathiswa wophuhliso loqoqosho, okusingqongileyo nokhenketho kwiphondo iMpuma Koloni, uNonkqubela Pieters...
-
932
TRUNEWS @6| COSATU concerned by delays on recruiting 10 thousand labour inspectors
Umfela-ndawonye weemanyano zabasebenzi iCOSATU, uthi uxhalabile kukungaqeshwa kwabahloli abaqinisekisa ukuthotyelwa kwemigaqo-nkqubo yezengqesho. Ngethuba umongameli uCyril Ramaphosa wayesenza intetho yakhe ebutsheni balonyaka, wabhengeza ukuba kuzakuqeshwa abahloli abangamawaka alishumi. Ziinyanga ezisixhenxe oku kungekenzeki. Ngethuba umphathiswa wezengqesho nemisebenzi uNomakhosazana Meth ephendula epalamente, uthe isebe lakhe lisakhangela imali kunongxowa wesizwe ukuze bakwazi ukuqala inkqubo yengqesho. U-Amanda Xhala uncokole nosisithethi seCOSATU, uZanele Sabela...
-
931
TRUNEWS @6 - The Impeachment committee has rescinded its decision of appointing Adv Thandazani Madonsela as evidence leader
Ikomiti yasePalamente ejongene nenkqubo yokususwa kukamongameli esikhundleni igqibe kwelokuba isiqwalasele ngokutsha isiphakamiso sayo ngokuchongwa kuka-Advocate Thandazani Madonsela, nje ngoza kukhokela ubungqina. Oku kusemva kweleta esuka kumongameli Cyril Ramaphosa ekhaba ukuchongwa kuka Madonsela. Kwileta ebithunyelwe kule komiti kwiveki ephelileyo, uRamaphosa uphakamise imiba emibini angaxolanga ngayo echaphazela uMadonsela ngokumayela nokungquzulana kwemidla. URamaphosa uthe wamkhupha uMadonsela phakathi kwabo babeza kuchongelwa kwikomishoni yeenkonzo zobulungisa, nje kancinane emva kokwenziwa kodliwano-ndlebe ngonyaka ka-2022, nolwalugxile ekuchongeni iJaji eyintloko, kwaye ngenxa yoko kusenokwenzeka ukuba uMadonsela usenengqumbo ngakuye. Umba wesibini umalunga neentetha zasesidlangalaleni zikaMadonsela ngokuphathelelene nobusela obehla kwifama iPhala Phala. Abacebisi bezomthetho basePalamente baxelele amalungu epalamente ukuba ukuchongwa kukaMadonsela kusemthethweni, kwaye akukho kungqubana kwemidla, kodwa ukuze kungabikho makhwiniba, kwakuba bubulumko eyokuba le komiti ikhe iyiphonononge ngokutsha le nyewe. UThandokazi Vusani usenzele le ngxelo kaZalene Merrington...
-
930
TRUNEWS @6 - A new study shows how the cost-of-living crisis is increasingly forcing consumers to access dangerous, illegal lenders
Uphando lwakutsha nje lubonisa ukuba lenyukile inani labantu ababoleka imali koomatshonisa abangabhaliswanga. Nanjengoko uqoqosho loMzantsi Afrika lungomelelanga kwakunye namathuba engqesho engaphucuki, uluntu luye lubhenele koomatshonisa ukuze lukwazi ukuphila. U-Amanda Xhala uthethe nophuma kwi-National Credit Regulator, u-Akhona Mata, nosicacisele ngeendlela ezisemthethweni zokuboleka imali...
-
929
TRUNEWS @6 - The Constitutional Court has dismissed the application for review by former Presidents Jacob Zuma and Thabo Mbeki
Inkundla yomgaqo-siseko isikhabile isicelo sabo babesakuba ngoomongameli, uJacob Zuma kwakunye noThabo Mbeki, sokuba ujaji Sisi Khampepe azikhwebule nje ngosihlalo kuphando lwamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelewaniso, i-TRC ngamafuphi. Kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini, esi sibini sasibanga ngelithi indima ka Khampepe yangaphambili, kuquka ukusebenza kwakhe nje ngomkomishinala we-TRC, kunye nesikhundla sakhe nje ngosekela-mlawuli wegunyabantu lezotshutshiso, kunokuchaphazela izigqibo zakhe kwezi nkqubo. Ukuhlalutya banzi le nyewe, uAmanda Xhala uthethe nengcali kwimiba yezomthetho, uGqirha Mkhuseli Vimba...
-
928
TRUNEWS @6 - Last day of registering Customary Marriages at Home Affairs
Ibilusuku lokugqibela namhlanje lokuba abo batshate umtshato wesiNtu bayo kubhalisa kwiSebe lemicimbi yekhaya. Oku kubhaliswa kwale mitshato kwaqala ngomhla wokuqala kweyoMsintsi ngo 2024. Imitshato yesiNtu yaye yanikwa ingqwalasela ngonyaka ka1998. Emnxebeni sinaye othethela iSebe lezemicimbi yezekhaya, uNdileka Cola...
-
927
NEWS REVIEW| SA government encourages early-retirement to reduce the public sector's wage bill
Urhulumente woMzantsi Afrika uyaqhuba nokumilisela inkqubo yokukhuthaza ukuba abasebenzi baseburhulumenteni abasondele kwiminyaka yokuthatha umhlala-phantsi ukuba bawuthathe lingekafiki ixesha labo, i-early retirement. Eli lilinge lokucutha inkcitho karhulumente kwimivuzo nexabisa umyinge ka-32-point-one percent ekhulwini. Nangona kunjalo, kukho inkxalabo yokuba oku kuzakubanefuthe elibi kwicandelo laseburhulumenteni, kuba eli candelo lizakuphulukana nabasebenzi abanamava, umthwalo womsebenzi uzakongezeleka kwabo bashiyeke ngasemva; oku kuchaphazele umgangatho weenkonzo urhulumente azisa kuluntu. U-Ayabonga Kekana uye wancokola nonobhala-jikelele womfela-ndawonye wemanyano zabasebenzi iSAFTU uZwelinzima Vavi…
-
926
TRUNEWS "6- UK vows support for Ukraine despite threats from Russia
Kule veki inkulumbuso yase-United Kingdom u-Andy Burnham, ibenotyelelo kwilizwe i-Ukraine. Olu lutyelelo lwakhe lokuqala lwamazwe aphesheya kolwandle, kwaye olu tyelelo lubonwa lubaluleke kakhulu ekuqiniseni ubudlelane obuphakathi kwalamazwe mabini. Ibe kolu tyelelo apho uBurnham ethe i-UK izakuxhasa i-Ukraine ngezixhobo zokulwa kwimfazwe eqhubayo phakathi kwayo nelizwe iRussia. Yinto ke le iRussia engayamkelanga kwaphela, kuba ikhuphe isigrogriso sokuba izakuhlasela iinkampu zomkhosi wase-UK ukuba iyaqhubeka nokuxhasa i-Ukraine ngezixhobo. Inokuba yintoni ebangela ukuba i-UK ifune ukuxhasa i-Ukraine ngezixhobo kule mfazwe nje? U-Amanda Xhala uye wancokole noyingcali kwimiba yezopolitiko uProfessor Hennie Strydom...
-
925
TRUNEWS @6| Meta to settle R287 billion settlement over alleged harm to children on Facebook & Instagram
Inkampani uMeta elawula amakhasi onxibelelwano, uFacebook kunye no-Instagram ithiwe nka umdliwo wemali ebalelwa kwi-R287 billion yinkundla yaseMelika ngenxa yokuba la makhasi engakwazi ukhusela abantwana kula maqonga, kwaye ibenga ubomi babantwana emngciphekweni xa bewasebenzisa. Le nkampani nayo iye yavuma ukuba imiqathango eyibekileyo kula makhasi ayibakhuseli abantwana, kwaye neenkcukacha zabo xa bekula maqonga zisemngciphekweni wokubiwa zisetyenziswe kweziye iindawo. U-Amanda Xhala uye wancokola noyintloko kwicandelo lezifundo zobuntatheli kwiYunivesithi iRhodes, uGqirha Quatro Mgogo…
-
924
TRUNEWS @6| Investment on electric vehicles advances SA's green industrialisation agenda.
Lenyuke ngokuphinda-phindeneyo inani lokuthengiswa kwezithuthi ezihamba ngokusebenzisa umbane eMzantsi Afrika, kwikota yokuqala yalo nyaka. Nanjengoko abaqhubi ngoku beqalisa ukubhenela kwezi zithuthi ngenxa yokuxhoma kwamaxabiso amafutha ezithuthi, kodwa esona sizathu siphambili ikukunakekela okusingqongqileyo. Oku kukhuthazwa nazingqungquthela ezithi zisingathwe ukuqinisekisa uphuhliso kuveliso lwezi zithuthi. I-Yunivesithi iNelson Mandela isindleke ingqungquthela yaminyaka le i-uYilo eMobility Summit phantsi komxholo othi, "Accelerating Electric Mobility Implementation in South Africa: From Innovation to Industrial Participation". U-Amanda Xhala uncokole nolibambela-mlawuli oyintloko kwicandelo le-Hydrogen and Energy kwiSebe, uMandy Mlilo…
-
923
TRUNEWS @6| When do you invoke your right against self-incrimination?
Ngokomgaqo-siseko weloMzantsi Afrika, abatyholwa banelungelo lokuba bangathethi okanye benze into enokubarhintyela kumatyala olwaphulomthetho. Oku sikubone kumangqina aliqela ebevele phambi kwekomishoni yophando kaMadlanga, nalapho aye asebenzisa eli lungelo. Ingaba oku kuzibeka phi iinkqubo zetyala? Emnxebeni sinayo ingcalo yezomthetho, uPheleka Mahlathi...
-
922
TRUNEWS @6 - Mobile device repair programme for SA youth
Intswela-ngqesho isengomnye wemingeni emikhulu eMzantsi Afrika, ingakumbi kubantu abatsha abasokolayo ukufumana amathuba emisebenzi. Inkqubo yokulungiswa kweefowuni eziphathwayo (mobile device repair programme) ijolise ekutshintsheni le meko, ngokudala amathuba okuzisebenzela. Kumsitho wokunikezelwa kwee-khonteyina obubanjwe izolo eSebokeng, eVaal, kunikezelwe ngezixhobo zokulungisa ifowuni kubantu abatsha abangamashumi amabini anesihlanu. Le nkqubo sele isebenza kumaphondo amahlanu, kwaye kwezi nyanga zintathu zidlulileyo, abaxhamli bayo benza ingeniso ephantse ibe ngamashumi asixhenxe amawaka eerandi. Ukuva banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uncokole noSihlalo we-South African Mobile Devices Distributors Repairs Association, iSAMDDRA ngamafuphi, uLoyiso Tyira...
-
921
TRUNEWS @6 - Money Smart Week South Africa (MSWSA) 2026
I-ofisi kanondyebo wesizwe, ngokubambisana negunyabathu elijongene nendlela aziphatha ngayo amacandelo emali, iFSCA, kwakunye nekomiti ejongene nokufundiswa kwabathengi ngendlela yokuphatha imali, iNCFEC ngamafuphi, baphehlelele iveki egxile ekusebenziseni ngendlela imali, iMoney Smart Week South Africa ngolwasemzini. Eli phulo, nelibanjwe phantsi komxholo othi: "Money Smart: The Power of Possible", lijoliswe ekuxhobiseni abathengi, khon' ukuze bathabathe izigqibo ngemali yabo benolwazi oluphangaleleyo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uthethe negosa elijongene nezemfundo nonxibelelwano kwi-National Credit Regulator, u-Akhona Mata...
-
920
TRUNEWS @6 - A symposium on post-school education, entrepreneurship and alternative pathways into the labour market
Njengoko usengumngeni umba wentswela-ngqesho eMpuma Koloni, nakweli lizwe jikelele, ibhunga elijongene noqoqosho, iEastern Cape Socio-Economic Consultative Council, i-ECSECC ngamafuphi, lisindleke indibano emalunga nezemfundo kwimfundo ephakamileyo, ezoshishino kwakunye nezinye iindlela zokufikelela kwezengqesho. Le ndibano yenzelwe ukukhawulelana nemingeni ejamelene noosomashishini abasebatsha kwakunye nabo sele benemfundo enomsila. Ukuva banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uthethe nengqonyela ye-ECSECC, uAkhona Tinta...
-
919
TRUNEWS @6 - State of SA municipalities ahead of the 2026 Local Government Elections
Nanjengoko uMzantsi Afrika ulindele ukubamba unyulo loorhulumente basekhaya lwalo nyaka, umongameli we-ANC, uCyril Ramaphosa, unike abo banqwenela ukuba ngooceba noosodolophu bala mbutho banikwa iintsuku ezilikhulu ukuba balungise inkangeleko yoomasipala neewadi zabo xa sele bephumelele kunyulo. Ingaba oomasipala nee-wadi zeli bakwimo enjani? Ingaba olu nyulo luzayo lwakuyiguqula njani indlela abakhangeleka ngayo oomasipala beli, nalapho abahlali baasoloko bekhala ngokungabikho kwamanzi, umbane oqhawu-qhawuka oko, nelindle eligcwalise izitalato, phakathi kwezinye izinto. Ukuxoxa banzi ngemo yoomasipala abambhaxa kwiMpuma Koloni, iNelson Mandela Bay, neBuffalo City, uAmanda Xhala uncokole nomhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...
-
918
TRUNEWS @6 - An International Call for Freedom of Religion and Fair Trial
Umbutho iSouthern African Leaders Coalition for Faith, Freedom and Justice, umemelela ingqwalasela yamazwe ngamazwe kumba wenkululeko kwezenkolo, isidima soluntu, kwakunye nelungelo lokuba msulwa de inkundla ikufumanise unetyala, phakathi kwezinye izinto. Oku kuza njengoko bekuphawulwa usuku olukhumbula amaxhoba ezenzo zodushe ngenxa yenkolo, ngempela veki. Olusuku lwasungulwa ngumbutho wezizwe ezimanyeneyo, nelusuku olumemelela kwihlabathi ukuba likhumbule abo babandazelekayo ngenxa yenkolo yabo, kwanokuvuselela ukuzibophelela kwehlabathi ukukhusela inkululeko kwezenkolo kuye wonke ubani. Kulonyaka, lo mbutho uphawule olusuku ngeliphakamisa imeko yenkokheli yakwaLizwi eneminyaka engamashumi alithoba anesihlanu ubudala (95years), igqala lomkhosi ngexesha le mfazwe nokwalitsha ntliziyo loxolo, uMan Hee Lee, nogcinwe eluvalelweni ngaphandle kokuxoxwa kwetyala(pre-trail detention). Amanda Xhala spoke to the Southern African Leaders Coalition for Faith, Freedom and Justice co-founder, Magdalene Govender...
-
917
NEWS REVIEW| National Government asked to intervene in EC unemployment crisis.
Iphondo iMpuma Koloni lelinye lamaphondo eMzantsi Afrika elineqondo eliphezulu lentswela-ngqesho. Sithetha nje limi ku-47.5% iqondo lentswela-ngqesho kwikota yesibini yalo nyakamali. Oku kubangele ukuba iNkulu-baphathiswa yephondo, uOscar Mabuyane imemelele ungenelelo lukarhulumente kazwelonke. UAyabonga Kekana uye wancokola nomhlalutyi wezoqoqosho ophuma e-University of Fort Hare, uSinalo Ngcotsho, kunye noyi-Chief Growth Officer kwiziko iNelson Mandela Business Chamber, uLunga Mjodo…
-
916
INTERCHANGE-The death of former two time world boxing champion, Zolani Tete
Silele ngobusuku bayizolo ngendaba zokusweleka kwentshatsheli yehlabathi uZolani " Last Born" Tete. UTete noneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo udutyulwe wabulawa eMdantsane ngaphandle kwakuGompo City, eMpuma Koloni. UTete weenza imbali ngethuba ephumelele udidi lwe- Junior Bantamweight IBF kwakunye ne-WBO Bantamweight.UVuyolwethu Mabeqa uncokole nentatheli yeSABC uAbongile Jantjies nobekwindawo yexhwayelo ngobusuku bayizolo.
-
915
TRUNEWS @6 - Bafana Bafana coach negotiations
Iqela le Bafana Bafana alikabinaye umqeqeshi oyintloko sithetha nje. Oku kusemva koku thatha umhlala phantsi kuka Hugo Broos obengumqeqeshi weliqela lesizwe, emva kwemidlalo yendebe yehlabathi. Nangona nje ikomiti yesigqeba solawulo kwiSAFA iphakamise uPitso Mosimane nowayengumqeqeshi weMamelodi Sundowns, njengomgqatswa kwesisikhundla, kusekho ukuxinga kwiingxoxo phakathi kweSAFA noMosimane. Ukuba sive banzi ngoku, uAmanda Xhala uthethe nentatheli yezemidlalo kweli jelo, uSanele Nongauza...
-
914
TRUNEWS @6 - Zambia elections analysis
Kuvakala ukuba inkokheli yombutho ophikisayo eZambia, uBrian Mundubile, ithi iza kucela umngeni enkundleni kwiziphumo zonyulo lwakutshanje, kwisikhundla sikamongameli. UMundubile utyhola ngelokuba kubekho ubuqhophololo kwinkqubo yonyulo, nobubangele ukuba umongameli uHakainde Hichilema, afumane esi sikhundla isihlandlo sesibini. Ikomishoni yonyulo kwela lizwe ichaze uHichilema nje ngophumeleleyo kunyulo, ngeevoti ezikumyinge ka 60%, xa kuthelekiswa no 38% ofunyenwe nguMundubile. Kanti olu nyulo alukhange luqhube ngaphandle kwamagingxigingxi, nalapho ikomishoni yonyulo ithe yanqumamisa inkqubo yokubalwa kweevoti ngoLwesihlanu, emva kweengxelo zodushe ngakwabo babalayo, nokubiwa kwamaphepha ovoto. Ukuncokola banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uthethe nojongana neenkqubo zonyulo kwi Electoral Monitoring Network, nokwangumhlalutyi wezopolitiko, uGqirhalwazi Nkosikhulule Nyembezi...
-
913
TRUNEWS @6 - Can gender bias gap be bridged by AI in the workplace?
Kusabonakala kuyingxaki ukungalingani phakathi kwamadoda nabasetyhini kwixesha esiphila kulo, ingakumbi kwiindawo zengqesho nalapho ingamadoda afumana ingqwalasela kakhulu kwizinto ezifana nezikhundla eziphezulu, nemivuzo ethe xhaxhe. Oku kunefuthe elikhulu kwi artificial intelligence, noninzi ebelulindele ukuba ingancedisa ukukuphelisa, kuphelise nomkhethe. Kodwa kusabonakala kusenzima oko njengokuba kwaa inkqubo ezi ze AI zibonisa impembelelo yomsebenzi wamandulo, kuba yenziwe ziinkcukacha ebezikade zikho kwixesha elingaphambili. Kwinkomfa ebibanjwe yibhodi ejongene nolawulo lokuthengwa kwemveliso neenkonzo yoMzantsi Afrika (i SAPICS) kwiintsuku ezidlulileyo, kuvele ukuba umkhethe kwi AI awubangelwa kukusetyenziswa kobuchwepheshe kodwa zizithethe zokusebenzisa inkqubo endala. Kuloko ke sigqibe kwelokuba makhe sincokole banzi ngalo mba. U-Amanda Xhala uthethe nomlawuli kwibhodi yakwa SAPICS, uRegina Naicker....
-
912
TRUNEWS @6 - South Africa's illicit alcohol market accounts for 18% of alcohol sold in the country
Imalike yotywala bomgunyathi eMzantsi Afrika iya ikhula ngesantya esothusayo. Uphando olutsha luqikelela ukuba i-18% yotywala obuthengiswayo kweli lizwe bo bomgunyathi, logama umthamo wabo wenyuke nge-55% ukusukela ngo-2017. Ingaba yintoni eqhuba abathengi ukuba bakhethe obu tywala? Ukuncokola ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nongumphandi ophambili kwi-Drinks Federation of South Africa, uGqirha Shamal Ramsar...
-
911
TRUNEWS @6 - Parliament's Impeachment committee has resolved to obtain legal advise after it received a letter from President Cyril Ramaphosa
Ikomiti ejongene nokususwa kukamongameli kwisikhundla sakhe, igqibe kwelokuba ifumane ingcebiso yezomthetho emva kokufumana imbhalelwano esuka kumongameli uCyril Ramaphosa, nalapho avakalisa ukungoneliseki kwakhe ngalowo kugqitywe kwelokuba uza kukhokela ubungqina kule komiti. Kwintlanganiso yokugqibela yale komiti, yagqiba kwelokuba indulule kusomlomo wepalamente, uThoko Didiza, ukuba kuchongwe u-Adv Thandazani Madonsela njengoza kukhokela ubungqina. Kule ncwadi, uRamaphosa uvakalise amathandabuzo akhe ephawula izihlandlo ezimbini apho umdla wabucala kaMadonsela uye wangquzulana nomsebenzi wakhe. Uthi isihlandlo sokuqala singqamene nokususa kwakhe uMadonsela njengonyulelwe kwikomishoni yeenkonzo zobulungisa kancinane nje emva kodliwano-ndlebe lwango-2022 lwejaji eyintloko, nto leyo ethetha ukuba uMadonsela angabe kanti usenento ngakuye. Uqhuba athi isihlandlo sesibini singqamene neentetha ezenziwa nguMadonsela esidlangalaleni ngobusela obehla ePhala Phala ngexa lolwabelwano ngezimvo ne-ANC. UVuyolwethu Mabeqa usenzele le ngxelo kaZalene Merrington...
-
910
TRUNEWS @6 - Procurement challenges remain a major factor in project delays in the Eastern Cape
Ukulibaziseka kwenkqubo yokuthengwa kweenkonzo nezinto (procurement), kubonwa njengenye yezinto eziphambili ezibangela ukuba iiprojekthi zeziseko ezingundoqo zilibaziseke eMpuma Koloni. Oku kuvele ngexesha lotyelelo lebhunga lamaphondo, National Council of Provinces, ukongamela umsebenzi karhulumente kweli phondo, apho kuye kwachazwa ukuba ulibaziseko lubangelwa nangumlo woluntu, ukungasebenzi kakuhle konookomtraka, ukonakaliswa kweziseko, nobusela phakathi kwezinye. Ukusabela banzi, u-Amanda Xhala uthethe nokhokele igqiza eliphuma kwi-NCOP kwiMpuma Koloni, uNkosi Mwelo Nonkonyana...
-
909
TRUNEWS@6 SADC CHAIR ANALYSIS
UMzantsi Afrika uthathe ngokusesikweni isikhundla sikasihlalo kumazwe eSADC. Ngethuba lentetho yakhe yokwamkela esisikhundla, umongameli uCyril Ramaphosa uzibophelele ekusebenzisaneni kunye namanye amazwe akulo mbutho, ekhokhelwe yimithetho elawula umakulinganwe phakathi kwamazwe, nokwakha umanyano nentlonipho. Ukuhlalutya oku banzi sinaye uNjingalwazi Isaac Khambule oyi political economist....
-
908
TRUNEWS@6 NCC introducing a law that will prevent marketers on making unsolicited calls
Ikomishoni kazwelonke yabathengi iceba ukwazisa umthetho oza kuthintela iinkampani ezithengisa iimveliso neenkonzo ukutsalela umnxeba abathengi ngaphandle kwemvume yabo. Ophuma kwi National Consumer Commsiion u Pheto Ntaba ucacisa banzi ngoku...
-
907
TRUNEWS @6 - ECDOE has launched the Mabafunde Bonke Project: Grades R–3 Literacy Support Programme
ISebe lezemfundo eMpuma Koloni, ngokubambisana nephulo elibizwa iFLOAT consortium, bebesindleke iphulo elibizwa iMabafunde Bonke, neyinkqubo yokuxhasa abafundi bamabanga u Grade R ukuya kuGrade 3 ekubeni bakwazi ukufunda nokubhala. Lo msitho ububanjelwe eMthatha namhlanje. Le nkqubo yinxalenye yesicwangciso seSebe esingqamene nokukwazi ukufunda sonyaka ka-2022 ukuya ku-2030. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinomlawuli kwibakala lemfundo elibizwa iGET, neligxile kumabanga uGrade R ukuya kuGrade 9, uLinda Gwele...
-
906
TRUNEWS @6 - An analysis of Zambia elections
Luyaqhuba unyulo kwilizwe lase Zambia nalapho ezigqatsela isikhundla kwakhona umongameli u Hakainde Hichilema, oneminyaka engamashumi amathandathu anesine ubudala. u Hichilema ubengumongameli kwelilizwe ngonyaka u 2021 ethatha iintambo ku Edgar Lungu ongasekhoyo. Namhlanje sisabona iqhuba imbambano phakathi kukamongameli nosapho lukaLungu nabaxhasi babo, nangona sele wasweleka kunyaka ophelileyo apha eMzantsi Afrika u Lungu. Urhulumente wase Zambia waya enkundleni ukuzama ukuthintela umngcwabo ka Lungu, ngelixa usapho lwakhe lwalungafuni ukuba umongameli u Hichilema azimase lomngcwabo. Kolunyulo uHichilema uzigqatsa ephikisana nemibutho ekhokhelwa ngu Brian Mundubile nowayengumbhexeshi kurhulumente ka Lungu. Ukuhlalutya isimo sonyulo lwase-Zambia, uAmanda Xhala uthethe nomhlalutyi wemiba yamazwe angaphandle, uGqirha Mkhuseli Vimba...
We're indexing this podcast's transcripts for the first time — this can take a minute or two. We'll show results as soon as they're ready.
No matches for "" in this podcast's transcripts.
No topics indexed yet for this podcast.
Loading reviews...
ABOUT THIS SHOW
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
HOSTED BY
SABC News
CATEGORIES
Loading similar podcasts...