PODCAST · news
Umhlobo Wenene FM Indaba / news bulletins
by SABC News and Current Affairs
Umhlobo Wenene FM Indaba / news bulletins
-
2500
08 11 2021 07h00
Bazakufumana isitofu sokomeleza amajoni omzimba abasebenzi bempilo ebebeyinxalenye yokulingwa kwamachiza okugonyel' iCOVID19.
-
2499
22.06.2021 13h00
Igxothiwe emsebenzini inqununu yesikolo esiseMpuma Koloni eyanyanzela umfundi ukuba angene kumngxuma wendlu yangasese ukuze akhuphe umnxeba wayo ophathwayo (CELLPHONE) nowatshona kwilindle.
-
2498
22.06.2021 09h00
Zohlukile iimbono zeengcali mayela nokuba kufanel' ukuba kumiselwe imiqathango engqingqwa kusini na kwiphondo iGauteng ukunqanda ukunwenwa kwentsholongwane icorona.
-
2497
22.06.2021 07h00
Sixhalabile isixeko saseTshwane ngenxa yokuntingela phezulu kwamanani abantu abosulelwa yintsholongwane icorona.
-
2496
21.06.2021 07h00
Bazakuvela enkundleni namhlanje abarhanelwa abane ngokunxulumene nokufunyanwa kwabo beneziyobisi ezixabisa i400 million yeerandi.
-
2495
11.06.2021 13h00
Umphathiswa wamashishini karhulumente uPravin Gordhan uthi kutyikitywe isivumelwano phakathi kukarhulumente nehlakani elitsha lika SAA iTakatso. UGordhan uthi kuzakutyikitywa isivumelwano sentengo ngaphambi kokuba kusekwe ngokusesikweni uSAA omtsha. ITakatso izakulawula u51 percent wezabelo kweli qumrhu lezophapho lihlengahlengisiweyo, ngelixa urhulumente ezakulawula u49 percrnt wezabelo. ITakatso izakutyal' imali engaphezulu kwe-3 billion yeerandi kwaSAA.
-
2494
11.06.2021 10h00
Iqumrhu loosomashishini iTakatso Consortiun ibhengezwe njengehlakani lenkampani yezophapho kweli iSAA.Olu qhogwano lukarhulumente nenkampani yabucala lubeka amashumi amahlanu nanye ekhulwini (51 pesent) yezabelo kule nkampani ezandleni zale ndibanisela yoosomashishini babucala.
-
2493
11.06.2021 09h00
Umphathiswa wezobulungisa neenkonzo zoluleko uRonald Lamola uthi i-United Arab Emirates ayisebenzisani noMzantsi Afrika, njengoko kwakuvunyelwene ngala mazwe mabini. U-Lamola ebethetha neentatheli ngale ntsasa, emva kokuba igunyabantu lezotshutshiso kuzwelonke licele uncedo kwi Interpol ukuze usapho lakwa Gupta lubuyiselwe kweli loMzantsi Afrika, lujongane namatyala orhwaphilizo, ubuqhophololo, nokugudis'imali eze ngondlela-mnyama.
-
2492
11.06.2021 07h00
Iziko lezifo ezosulelayo i-NICD ngamafutshane lithi sithetha nje ngabantu abayi seven-thousand-300 abanyangelwa icovid19 kwizibhedlele zeli lizwe, kwaye kuthwa izolo bayi 844 abantu abangeniswe kumaziko empilo. Abantu abasondele ku 5-thousand kwabo bafumana unyango abakwii ward zabagula kakhulu, bakwizibhedlele zabucala.
-
2491
26.05.2021 13h00
Ujaji Piet Koen ucele amagqwetha obesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma ukuba athobele imiqathango yenkundla phambi kokuphula-phulwa ngokusemthethweni kwesicelo esikhethekileyo ngomhla we-19 kuJuly.
-
2490
26.05.2021 10h00
Igunya bantu lotshutshiso iNPA lithi alikafaki maxwebhu aphendula kwisicelo esikhethekileyo seqela lamagqwetha lobesakuba ngumongameli weli esifuna athi gu bucala umtshutshisi u-advocate Billy Downer.
-
2489
26.05.2021 09h00
Umphathiswa wesebe lezempilo kuzwelonke uGqirha Zweli Mkhize uthi uphando kwizityholo zokukhutshwa ngokungafanelekanga kwesiniki maxabiso sezigidi ngezigidi zerandi lufumanise ukuba yayingahambisani nomthetho intsebenziswano yelisebe kunye nenkampani yonxibelelwano iDigital Vibes.
-
2488
26.06.2021 07h00
Usekela sosiba jikelele weANC uJessie Duarte uthi zange kwenzeka ngaphambili ukuba ilungu eliphezulu lombutho elifana nososiba jikelele uAce Magashule lingafuni ukuthobela imithetho yombutho.
-
2487
19.05.2021 11h00
Kubhubhe abantu abane konzakala ngokumasikizi abahlanu emva kwesiganeko apho abahlali bethathele umthetho ezandleni zabo eHoneydew kwintshona yeRhawuti. Kuthiwa ngabantu abangama-200 bommandla woogobityholo base-Zandspruit abahlasele amakhwenkwana ali-9 abarhanelwa ngokuphanga abantu kula mandla.
-
2486
19.05.2021 09h00
Ilungu lekomiti ejongene namachiza ogonyo kumbutho wempilo kwihlabathi unjingalwazi Salim Abdul Karim liphefumle kwingxoxo eshushu emayela nokuba ingaba licebo elilungileyo na ukuba kuvulwe umsantsa ngaphambi kokuba abantu abagonyelwe iCOVID 19 okokuqala, bafumane ugonyo okwesibini.
-
2485
18.05.2021 07h00
Ziyasikhaba isinikezelo sikaEskom sochatha kwimivuzo iimanyano zabasebenzi.
-
2484
19.05.2021 07h00
Imanyano yabasenzi i-DEMAWUSA ilumkise ngelithi uzakuhlala ukungasonjululwanga umba wokunyuswa kwemivuzo yabasebenzi ukuba abaqeshi basaqhuba nokubethisa ngoyaba isiphakamiso sayo.
-
2483
14.05.2021 13h00
Inkulubaphathiswa yephondo iGauteng uDavid Makhura ithi ela phondo lichwechwelwa ngumsinga wesithathu wentsholongwane iCorona.
-
2482
14.05.2021 11h00
Kungenzeka ukuba bajikiswe abanye abasebenzi bempilo abaqale ukuma emigceni kwiziko lokugonya eMilpark kwisixeko sase Rhawutini ukususela ngentseni yanamhlanje nanjengoko eli ziko linenani eliqingqiweyo lokugonywa kwabantu ngosuku.
-
2481
14.05.2021 10h00
Kuyabonakala ukuba usosiba jikelele weANC onqunyanyisiweyo uAce Magashule akazukungxengxeza esidlangalaleni ngokuthumela incwadi enqumamisa umongameli weli qela uCyril Ramaphosa.
-
2480
14.05.2021 08h00
Unobhala jikelele we- ANC onqunyanyisiweyo uAce Magashule unike iLuthuli House amaphepha enkundla apho acel' umngeni isindululo salo mbutho esithi mawashenxe ezikhundleni zawo amalungu ajongene namatyala.
-
2479
14.05.2021 07h00
Kuvakala ukuba unobhalala jikelele weANC onqunyanyisiweyo uAce Magashule uzakubhenela enkundleni ayokucel' umngeni inkqubo yokuba ashenxe kwizikhundla zawo amalungu alo mbutho ajongene namatyala.
-
2478
13.05.2021 13h00
Inkulubaphathiswa yephondo iNtshona Koloni uAllan Winde ithi ukunyuka kwamanani abantu abosulelwa yintsholongwane icorona kutshanje kubangelwa yindlela abaziphethe ngayo abantu.
-
2477
13.05.2021 09h00
I- ofisi yomkhuseli woluNtu iyaphanda emva kokufumana izikhalazo ezimayela nokuhanjiswa kweenkonzo nokungaziphathi ngendlela eyiyo koomaspala abalishumi eGauteng.
-
2476
13.05.2021 07h00
Ngale ntsasa ikomishoni ephanda ukubanjwa ngobhongwana kukarhulumente ngamaqumrhu abucala izakuphulaphula ubungqina obumayela noEskom nokufadalala kwe project yobisi yefama iEstina eFreytata.
-
2475
12.05.2021 17h00
USekela-mongameli weli uDavid Mabuza uthi uMzantsi Afrika uyaqhuba nezicwangciso zawo zokuzivelisela ngokwawo isigonyo sesifo iCovid-19.
-
2474
12.05.2021 11h00
I- SIU ithi inethemba lokuba kuzakuthi kuphela uAugust ibe iluqukumbele uphando lwayo kwizityholo zorhwaphilizo ezimayela nentengo yempahla yokuzikhusela ngakwi COVID 19.
-
2473
12.05.2021 10h00
I- DA ithi iyidlulisele kwikomishoni yezomthetho imiba emibini yamalungu ayo emayela nokunganyaniseki ngeziqinisekiso zawo zemfundo ukuze iphandwe.
-
2472
12.05.2021 09h00
I-DA imangalele amalungu ayo amabini atyholwa ngokuxoka ngamabakala emfundo.
-
2471
12.05.2021 07h00
Ikomiti ejongene nendlela eziziphethe ngayo iijaji izakudibana kwinyanga ezayo emva kokufakwa kwesikhalazo ngakwiijaji ezimbini ezazichongelwe ukuba zikhokhele ikomishoni eyayiphanda intengo yezixhobo.
-
2470
11.05.2021 11h00
I- ANC ithi izakumisela eminye imiqathango yokohlwaya unobhala jikelele walo mbutho onqunyanyisiweyo uAce Magashule, ukuba akaxolisi ngokubhala isibhilivana esithi unqumamisa inkokheli yalo mbutho uCyril Ramaphosa.
-
2469
11.05.2021 09h00
Lizakuthathisa ngale ntsasa kwinkundla kamantyi yaseMonti eMpuma Koloni ityala lorhwaphilizo nobuqhophololo ngakulowo ebesakuba ngumphathiswa wempilo eMpuma Koloni uSindiswa Gomba, ilungu lendlu yowiso mthetho uZukiswa Ncita, usihlalo wengingqi kwi ANC uPhumlani Mkolo nowayesakuba ngusomlomo kumaspala iBuffalo City uSimon Ndzele.
-
2468
05.05.2021 11h00
Inkulubaphathiswa yephondo iGauteng ithi malomelele usapho lwasebukhosini kwisizwe samaZulu ngeli xesha linzima.
-
2467
05.05.2021 09h00
Ziyakhula izimemelelo zokuba athi gu bucala kwizikhundla zawo amalungu eANC ajongene namatyala anobuzaza.
-
2466
05.05.2021 07h00
I- ANC izakukhupha iincwadi ezixela ukunqunyanyiswa kwamalungu ayo ajongene namatyala orhwaphilizo namanye amatyala anobuzaza.
-
2465
04.05.2021 13h00
IOfisi yomphicothi-ncwadi jikelele ivakalise ukuba kulahleke imali yabarhafi efikelela kwi 6 point 9 billion yeerandi, kumasebe nakumanye amaqumrhu karhulumente.
-
2464
04.05.2021 11h00
Kuqhutywa uphando mayela nomlilo oqhambuke kwisibhedlele saseModemole eLimpopo.
-
2463
04.05.2021 09h00
Kukho iinkxalabo emva kokuba kukho umntu obesuka eIndia ofunyaniswe eMzantsi Afrika ukuba unentsholongwane icorona.
-
2462
04.05.2021 07h00
Ibhunga lophando ngezonyango eMzantsi Afrika lithi urhulumente wenza iinzame zokuba amachiza okugonyel' iCOVID 19 afikelele kubasebenzi bempilo ezilalini.
-
2461
21.04.2021 11h00
Inkampani ephantsi kukarhulumente evelisa izixhobo iDENEL ithumelele abasebenzi bayo imbalelwano ibazisa ukuba izakubahlawula kuphela inxenye yemivuzo yabo kule nyanga.
-
2460
21.04.2021 10h00
Izakuqhuba nokuphula-phula ubungqina bobesakuba ngusomaqhuzu kwi-arhente yoololiwe babakhweli iPRASA uLucky Montana.
-
2459
21.04.2021 09h00
Kuvakala iingxelo ezithi lurhoxisiwe uqhankqalazo lwabasebenzi bakwa Rand Water.
-
2458
21.04.2021 07h00
Kulindeleke ukuba baqalise uqhankqalazo namhlanje abasebenzi abakwimanyano iSAMWU kwinkampani ebonelela ngamanzi iRand Water.
-
2457
24.03.2021 13h00
Umbutho wabafundi iSASCO uthi ziyaqhuba iingxoxo neenkokheli eziphezulu ezintandathu ze-ANC ukuza ukufumana inkxaso-mali yabafundi kumaziko-mfundo aphakamileyo.
-
2456
24.03.2021 11h00
Igqinile ikomishoni ephanda ifuthe lamashishini abucala kuRhulumente ukuba umongameli Cyril Ramaphosa uzakuvela phambi kwale komishoni kwinyanga ezayo.
-
2455
24.03.2021 09h00
Umphathiswa wamaqumrhu karhulumente uPravin Gordhan uzithethelele kwikomishoni ephanda izityholo zokubanjwa ngobhongwana kukarhulumente ngamaqumrhu abucala ngakumabango abekwe kuye ligqwetha lowayesakuba ngumkomishinala kwa SARS uTom Moyane .
-
2454
24.03.2021 07h00
Ingqonyela yeziko iAurum Institute uGavin Churchyard ithi ixhalabile kukuba lihle ngamandla inani labantu abavavanyela isifo sephepha kuba urhulumente ethathe iziseko wazisa kwinkqubo yokulwa ukunwenwa kwe ntsholongwane iCorona.
-
2453
10.03.2021 13h00
Kuthunyelwe inqwaba yamapolisa kwi University i-Wits kwi campus eseBraamfontein apho kusweleke umntu omnye ngethuba amapolisa edubula imbumbulu ze rubber kubafundi abaqhankqalazayo.
-
2452
10.03.2021 10h00
Uzakuqhuba nokunika ubungqina kwi komishoni ephanda ukuthiwa nqo ngempumlo kukaRhulumente ngamaqumrhu abucala , owayesakuba yingqonqela kwaTransnet uBrian Molefe namhlanje.
-
2451
10.03.2021 07h00
Iziko-mfundo iWits University lithi lizibophelele ekubeni lincedisane nabafundi abajongene nemingeni yemali, kodwa lisithi alinako ukubabonelela bonke abafundi ngemfundo yamahala.
No matches for "" in this podcast's transcripts.
No topics indexed yet for this podcast.
Loading reviews...
ABOUT THIS SHOW
Umhlobo Wenene FM Indaba / news bulletins
HOSTED BY
SABC News and Current Affairs
CATEGORIES
Loading similar podcasts...