EPISODE · May 22, 2025 · 13 MIN
30 MINUTES LIVE - We analyse the meeting between Presidents, Cyril Ramaphosa of SA and Donald Trump of the USA
from trufm Current Affairs · host SABC News
Umongameli Cyril Ramaphosa uxelele umongameli waseMelika uDonald Trump ngethuba lendibano noonondaba eWhite House, ukuba akuhlaselwa kubulawe abantu abamhlophe ngobuninzi eMzantsi Afrika. Ezinkokheli zithethe noonondaba ngaphambili kokubamba iingxoxo zabucala eWhite House. Abathunywa boMzantsi Afrika baquka abaphathiswa, oosomashishi, iimanyano zabasebenzi nabadlali begalufa abaziwayo. Umongameli Ramaphosa uthi ulwaphulomthetho eMzantsi Afrika luchaphazela zonke iintlanga. Oku kuza nanjengoko kuthe tshitshilili ulwazi olungeyonyani ngoMzantsi Afrika eMelika, lokuba kubulawa amafama amhlophe kweli lizwe. Injongo yale ndibano ibikukomezela ubudlelane obungebuhlanga phakathi kwala mazwe mabini, kuvuselelwe nentsebenziswano. Umongameli weli uyichaze le ndibano njengeyimpumelelo kulandela indibano esekhusini noTrump. Uye waqinisekisa ukuba iMelika izakuthabatha inxaxheba kwingqungquthela yeG20 ezakubanjelwa eMzantsi Afrika, ngenyanga yeNkanga. Ukushukuxa le ndibano, emnxebeni masamkele iingcali zethu kwimiba yopolitiko, ugqirha Mkhuseli Vimba...
Embed this episode
Ready to play
30 MINUTES LIVE - We analyse the meeting between Presidents, Cyril Ramaphosa of SA and Donald Trump of the USA
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.