EPISODE · Aug 19, 2025 · 10 MIN
ANC chastises NEC members and Malema u turns on foreigh nationals
from trufm Current Affairs · host SABC News
I-ANC ithi amalungu amabini ekomiti yesigqeba solawulo seli qela uGqirha Malusi Gigaba kunye noSenzo Mchunu, azakuvela phambi kwekomiti yoluleko, baphendule ngeentetha abazenze esidlangalaleni. Oku kuza emva kokuba uGigaba ebange ngelithi i-ANC iyabhampula kwaye yoyisakele ukufezekisa izinto ezithile. UMchunu yena ulumkise ngelithi eli qela lisecicini lokutshabalala. Isithethi se ANC kuzwelonke uMahlengi- Bhengu-Motsiri, sithi eliqela liyayigxeka indlela esiziphethe ngayo esi sibini. Ukanti, kwelinye icala, inkokheli ye-EFF uJulius Malema ithi abemi bamazwe angaphandle mabafune imisebenzi kumazwe abo okuzalwa. UMalema ezintetha uzenze ngethuba ethetha kwi-rally yalo mbutho eSeshego, ePolokwane. Bambi bakubona oku njengokujika kwe-EFF kumgaqo-nkqubo wabo wokulawulwa kwemida nokuqubisana nomngeni wabemi bamazwe angaphandle abalapha kweli. Emnxebeni sinaye umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Makhosandile Kwaza, ukusincedisa kuhlalutyo koku…
Embed this episode
NOW PLAYING
ANC chastises NEC members and Malema u turns on foreigh nationals
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.
Similar Podcasts
No similar podcasts found.