EPISODE · Sep 16, 2025 · 7 MIN
EC has been flagged as a hotspot for cases of assault at the hands of police officers
from trufm Current Affairs · host SABC News
IMpuma Koloni ichazwe njengelinye lamaphondo aneziganeko eziphezulu zokuxhatshazwa, ukubethwa, ukungcungcuthekiswa, nokubulawa koluntu ngamapolisa; xa kuthelekiswa namanye amaphondo. Oku kuvezwe ngukhala ophanda indlela yokuziphatha kwamapolisa i-IPID, ngethuba ivele phambi kwekomiti eyakhe umkhanya kumsebenzi wenkonzo yesipolisa ePalamente. Obambele njengomlawuli we-IPID, uHlengani Bila, uveze ukuba kumatyala angapha kwewaka abandakanya amapolisa, nasezinkundleni kungoku nje; ayi-257 ngalawo abandakanya amapolisa aseMpuma Koloni. UBila waleke ngelithi kulo nyaka-mali ka-2025/26, sele bephande izikhalazo nezityholo zolwaphulo-mthetho ngakumapolisa ezingapha kwewaka, kwaye izityholo eziyi-138 zisuka kweli phondo. Oku kubeka phantsi kwesithatha kwakhona indlela amapolisa athi aphendule okanye aqubisane ngayo noluntu xa esabela ikhwelo kulwaphulo-mthetho. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwinkqubo yesipolisa, uZimisele Nxafane.
Embed this episode
Ready to play
EC has been flagged as a hotspot for cases of assault at the hands of police officers
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.
Similar Podcasts
No similar podcasts found.