EPISODE · Dec 17, 2025 · 9 MIN
How parents creating social media pages for their children can be seen as a violation of the child's/children's privacy
from trufm Current Affairs · host SABC News
Abanye abazali baye bafake imifanekiso, noshicilelo lweevidiyo kunye neenkcukacha zabantwana babo kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook, Instagram kunye noTikTok. Bambi bathi oku bakwenza ukugcina iinkumbulo zokukhula kwabantwana babo, ngethuba abanye besithi baye basebenzise la maqonga ukuphuhlisa iitalente zabantwana babo. Nangona oku kubonwa njengokulungileyo kodwa ngokomthetho kungabe kunyhasha amalungelo omntwana, afana nokunikeza imvume ukuba imifanekiso yabo ifakwe kumakhasi onxibelelwano ngaphandle kwemvume yabo, ukupapashwa kobomi babo ngaphandle kwemvume yabo, nokubeka ubomi babo emngciphekweni. Amakhasi onxibelelwano asetyenziswa kakhulu ngoonqevu ukuxhwila abantwana ngeenjongo zoshishino nokubaxhaphaza ngokwesondo. Masincokole ngamalungelo abantwana kule meko. UAyabonga Kekana uncokole negqwetha lamalungelo oluntu, uZukiswa Mqakanya
Embed this episode
Ready to play
How parents creating social media pages for their children can be seen as a violation of the child's/children's privacy
No transcript for this episode yet