EPISODE · Feb 16, 2025 · 49 MIN
NEWS REVIEW - HIV prevalence in South Africa and the impact of non-funding by the US government on eradicating this disease
from trufm Current Affairs · host SABC News
Ilizwe loMzantsi Afrika linelona nani liphezulu kwihlabathi labantu abaphila nentsholongwane kagawulayo, nalapho kuqikelelwa ukuba bakwisibhozo sezigidi (8 million) abantu kweli lizwe abaphila nale ntsholongwane. Kutshanje, umongameli waseMelika, uDonald Trump, ubhengeze ezokuba uyasinqumamisa isicwangciso sesibonelelo sexesha elingxamisekileyo somongameli wela lizwe esenzelwe ukujongana nesifo ugawulayo, iPEPFAR ngamafuphi. Le nkqubo izixhamlisa kakhulu iinkqubo zikagawulayo zeloMzantsi Afrika, kuquka amachiza ee-ARVs. Sithethanje, baqikelelwa kwishumi elinesihlanu lamawaka (15 000) abasebenzi kwimibutho engekho phantsi korhulumente, nesebenza ngabantu abaphila nentsholongwane kagawulayo, abachaphazelekileyo sesi sigqibo sikaTrump. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uYolanda Kambile emnxebeni ubambe umlawuli kwicandelo elijongene nonyango nokhathalelo lwabo baphila nentsholongwane kagawulayo kwiSebe lezempilo kuzwelonke, uGqirha Musa Manganye, kwakunye nothethela umbutho iTreatment Action Campaing, iTAC ngamafuphi, uSibongile Tshabalala...
Embed this episode
Ready to play
NEWS REVIEW - HIV prevalence in South Africa and the impact of non-funding by the US government on eradicating this disease
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.