EPISODE · Mar 10, 2026 · 50 MIN
News Review | Violence and bullying in schools in the Eastern Cape)
from trufm Current Affairs · host SABC News
Ubundlobongela kunye nokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni eMpuma Koloni kuphinde kwangu ndaba mlonyeni. Oku kulandela iziganeko zakutshanje ezixhalabisayo, nezibandakanya abafundi kwezinye zezikolo kweli phondo. KuGompo kuye sibone kumakhasi onxibelelwano ushicilelo lwe video ebonisa umfundi ebethwa ngabanye abafundi, nto leyo ethe yabangela umsindo kuluntu kunye nemibuzo malunga nokhuseleko ezikolweni. Kanti e Mthatha, amagosa ezemfundo anyanzeleke angenelele emva kwezikhalazo zokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni, ukubala iziganeko nje ezimbalwa. Oku kuphinde kwavusa iingxoxo malunga nendlela ekulawulwa ngayo ezikolweni, indima ekumele yenziwa ngabazali kunye noluntu ngokubanzi, ukuqinisekisa ukuba izikolo zihlala ziyindawo ekhuselekileyo yokufunda.Ayabonga Kekana uncokola noyiChief Director: Education Social Support Services kwiSebe lezemfundo kweli Phondo , uLulamani Zenzile. Kunye nothethela iSGB uLungisa Mahobe....
Embed this episode
NOW PLAYING
News Review | Violence and bullying in schools in the Eastern Cape)
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.
Similar Podcasts
No similar podcasts found.