EPISODE · Nov 30, 2025 · 49 MIN
NEWS REVIEW - We discuss the National Disability Rights Awareness Month
from trufm Current Affairs · host SABC News
Umhla wesithathu kweyeNkanga, ukuyakuthi ga kowesithathu kweyoMnga, qho ngonyaka, uMzantsi Afrika uphawula inyanga ebekelwe bucala ukunika ingqwalasela, nokubhiyozela amalungelo abantu abanokhubazeko, i-Disability Rights Awareness Month ngolwasemzini. Ukhubazeko lwenzeka esazalwa umntwana, kodwa ngamanye amaxesha umntu ulufumana ngexa esakhula, okanye ekukhuleni kwakhe. Le nyanga ke inika ithuba kuthi sonke ukuba sisuse imiqobo ebangela ukuba abantu abanokhubazeko bangawangcamli ngokupheleleyo amalungelo abo, kuquka nokuphucula ubomi babo, ngokuthi kuthatyathwe amanyathelo angawo. Urhulumente unoxanduva lokuqinisekisa umakulinganwe nokuxhotyiswa kwaye wonke umntu onokhubazeko. Kungenziwa njani ke ngoku ukuqinisekisa ukuba umntu onokhubazeko uphila ubomi bakhe ngokupheleleyo, axhamle kumathuba ngokufanayo nogxa wakeh ongenakhubazeko? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usekela-sihlalo wombutho iDisabled Youth South Africa uNana Skenjana, kwakunye netshantliziyo elililizwi labantu abanokhubazeko uThembelihle Ngcai...
Embed this episode
NOW PLAYING
NEWS REVIEW - We discuss the National Disability Rights Awareness Month
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.
Similar Podcasts
No similar podcasts found.