EPISODE · Nov 19, 2024 · 2 MIN
SPAZA SHOP OWNERS BEGIN REGISTRATION IN GQEBERHA
from trufm Current Affairs · host SABC News
Abanini bezikroxo eGqeberha eMpuma Koloni, sele beqalile nenkqubo yokubhalisa amashishini abo ukuqinisekisa ukuba bathobela imiqathango eqinisekisa ukhuselo lwezempilo. Ngethuba ethetha nesizwe ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, umongameli uCyril Ramaphosa unike abanini bezivenkile iintsuku ezingamashumi amane ananye ukuba babhalise koomasipala babo, okanye azakuvalwa amashishini abo. Susela kwinyanga yoMsintsi, kuchazwe iziganeko ezingamakhulu asibhozo anamashumi alithoba zezigulo ezibangelwa kukutya okunetyhefu kuzwelonke, nalapho iGauteng kunye neKwaZulu Natal ingawona maphondo achaphazeleke kakhulu. Abanikazi bezivenkile bakhalazile ngokuba ezintsuku bazinikiweyo ukuba babhalise, zimfutshane kakhulu. USinethemba Witi usenzele le ngxelo
Embed this episode
NOW PLAYING
SPAZA SHOP OWNERS BEGIN REGISTRATION IN GQEBERHA
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.
Similar Podcasts
No similar podcasts found.