EPISODE · Dec 9, 2025 · 6 MIN
TRUNEWS @6 - Highlights of the Parliament's Ad Hoc committee established to look into concerns around national security
from trufm Current Affairs · host SABC News
Iqale ngolonwabu ikomiti yethutyana yasepalamente, nesekelwe ukuphanda ngenkxalabo ngokhuseleko lwesizwe, kodwa ithe apho iqale khona yatyelela nkqu kwintolongo enokhuseleko oluluqilima ePitoli. Le komiti yasekwa yipalamente ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala, emva kwenkomfa yamajelo eendaba eyayibanjwe ngumkhomishinala wamapolisa kwiphondo iKwaZulu-Natal, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, kwangaloo nyanga. UMkhwanazi wenza izityholo zongenelelo lolwaphulomthetho, urhwaphilizo nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, zityholo ezo ezibandakanya amanye amagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, kuquka nomphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo sithethanje. UZalene Merrington uqwalasela ezinye zezinto eziye zaphambili kule komiti, kule ngxelo siyiphathelwe nguZukiswa Tshume...
Embed this episode
NOW PLAYING
TRUNEWS @6 - Highlights of the Parliament's Ad Hoc committee established to look into concerns around national security
No transcript for this episode yet
Similar Episodes
No similar episodes found.
Similar Podcasts
No similar podcasts found.